Ama-Qwathi

Mqwathi
Bangula, Dumba, Mhotho, Cakeni, Bhabha, Sxolothi, Sximba, Bhaxane, Nzothwa, Qhinebe, Qolo, Zikhali, Jojo, Tiyeka, Butsolo beentonga, Qoma, Siqo, Nyoyela/NgogelaAMAQWATHI

———————

Ah! Nkomo zikaXesibe,

zikaJojo,

zikaMtshutshumbe, ogqaz’ indlel’

ebhek’ ebuNguni.

UbuQwathi ayisiso isiduko. Koko bubuhlanga nesizwe esavela ku

Mtshutshumbe ozalwa nguMthetho ka Hlabe ka Nondzaba

wamaXesibe. UMtshutshube uthe emva kokuba olukule, wasokwa

nguyise umthetho ngenkomo. Mtshutshube lowo wayithiya igama

elinguQwathi loonkomo.

Emva kweminyaka embalwa, uMtshutshube waphuma kumaXesibe

wayokuzimela emQanduli kwiminyaka yoo 1660. Isizwe sakhe

wasithiya ngalankomo nyokuqala asokwe ngayo nguyise uMthetho,

ozalwa ngu Hlabe, ozalwa ngu Nondzaba. Wathi ngamaQwathi.

Kwiminyaka yoo1680 amaQwathi ayephantsi kokumkani uDlomo

afudukela eNgcobo, apho ikomkhulu lamaQwathi likhoyo ngoku.

Abazala bamaQwathi ngama Mpondo, Mpondomise namaXesibe.

AmaQwathi akamaninzanga kodwa aziwa uMzantsi wonke

nganamandla, ukukhohlakala nokungakathandi kuphathwa,

isikakhulu ngabacinezeli.

AmaQwathi aneziduko ezininzi. Nazi ezinye zazo:

*AmaDikela, Noni, Ntswayibane

*AmaTshaba

*OoSdindi

*AmaBangula, Dumba, Mhotho, Cakeni, Bhabha

*OoBhulangwe

*OoBhose

*OoNzolo

*OoNcayi

*OoNtondo

*AmaKhombayo

*OoMkhondweni

*AmaVumbe

*AmaKhebesi, Nomdayi

*AmaMvala,

*AmaDabisa

*OoS’ximba baka Sixolithi

Nezinye. AmaQwathi angakwazi ukungenana andiselane ukuba

iziduko azifani. Umzekelo: UmQwathi uDikela angendela

kumQwathi uSidindi. Njalo njalo.

Ezona nkosi zamaQwathi zaziwayo ngu Stokwe ka-Ndlela

owayesilwa nabelungu,

UDalasile kaFubu, noFubu ubuqu (owalwa waze wabulala

uRharhabe nonyana wakhe uMlawu ngo 1782 bekhusela ikomkhulu

iNgcobo.

Unkosi Fubu nonyana wakhe uDalasile baphinda banqanda amanzi

engena endlini bezokuvingcelwa ngumkhosi ka Madzikane inkosi

yamaBhaca ngo1824. MaBhaca lawo ayebaleka umkhosi ka Tshaka

la Senzangakhona ka Zulu.

Baphinda bohlula baze babulala unkosi Matiwane wamaNgwane

ayebaleka imfecane eleqwa ngu Tshaka ngo 1828. AmaNgwane ade

abaleka ayokufika kwilizwe ekuthiwa yi Tanzania namhlanje. Lawo

athi asala ngemva aatshatyalaliswa aphela tu nguTshaka ka

Senzangakhona ka Zulu nomkhosi wakhe.

Kwiminyaka yoo 1860 amaQwathi nama Mpondomise aadibanisa

umkhosi eseka ukuhlasela abelungu. Hlaselo olo alwahamba

ngohlelo ngenxa yemipu yabelungu. Kodwa kwafumaneka umfundisi

womlungu ofani ingu Hope we mission ekufutshane wabulawa.

Abelungu bafunga besithi bazakwenza umzekelo ngokubulala

wonke umntu ongumQwathi noliMpondomise. Baza phantsi ko

General Elliott (okuthiywe ngaye la dolophana i Elliott) babula

phantse batshabalalisa wonke amaMpondomise. Kodwa zona

iinkosi zawo amaMpondomise zaatshatyalaliswa zaphela apho.

Kungoku nje amaMpondomise akana zinkosi. Ahamba ezoyamanisa

neenkosi zezinye izizwe.

AmaQwathi axhathisa wona, kodwa nzima. Isizwe sathi saa

sileqwa ngemipu ka General Elliott nomkhosi wakhe. Amanye

amaQwathi abaleka ayonxusa kumaTlokwa (isiduko sabeSuthu)

kwindawo eyi Tlokweng (Mount Fletcher). Kuqikelelwa ke ukuba

laaphuma apho igama elithi Dikela. Ngoba ngokwemveli

lelesiSuthu. Lithetha ukuthi “Tshona”.

Amanye anyuka aya emsini kuTshaka, owayeguba kwasizwe sifuna

ukuziphatha, azibiza ukuba angoo Ndlela (ngenkosi uNdlela).

Avuma ukuba angamaZulu phantsi ko Tshaka.

AmaQwathi sisizwe esincinci kodwa esingazange sohlulwa kude

kubelapha phantsi kwenkosi uZwelakhe.Ama-Qwathi atholakala eMpumakoloni bakhuluma ulimi lwesi Xhosa. Izibongo zabo aziphelelanga lapha ngoba banokuthi basebenzise igama likakhokho njengesibongo. Uma ufuna ukuqonda umuntu wakhona ukuthi ungubani ngqo buza isiduko sakhe.

17 comments

comments user
Kgomotso MaBlankwe Maseti

AMAQWATHI
———————

Ah! Nkomo zikaXesibe,
zikaJojo,
zikaMtshutshumbe, ogqaz’ indlel’
ebhek’ ebuNguni.

UbuQwathi ayisiso isiduko. Koko bubuhlanga nesizwe esavela ku Mtshutshumbe ozalwa nguMthetho ka Hlabe ka Nondzaba wamaXesibe. UMtshutshube uthe emva kokuba olukule, wasokwa nguyise umthetho ngenkomo. Mtshutshube lowo wayithiya igama elinguQwathi loonkomo.

Emva kweminyaka embalwa, uMtshutshube waphuma kumaXesibe wayokuzimela emQanduli kwiminyaka yoo 1660. Isizwe sakhe wasithiya ngalankomo nyokuqala asokwe ngayo nguyise uMthetho, ozalwa ngu Hlabe, ozalwa ngu Nondzaba. Wathi ngamaQwathi.

Kwiminyaka yoo1680 amaQwathi ayephantsi kokumkani uDlomo afudukela eNgcobo, apho ikomkhulu lamaQwathi likhoyo ngoku. Abazala bamaQwathi ngama Mpondo, Mpondomise namaXesibe.

AmaQwathi akamaninzanga kodwa aziwa uMzantsi wonke nganamandla, ukukhohlakala nokungakathandi kuphathwa, isikakhulu ngabacinezeli.

AmaQwathi aneziduko ezininzi. Nazi ezinye zazo:
*AmaDikela, Noni, Ntswayibane

*AmaTshaba

*OoSdindi

*AmaBangula, Dumba, Mhotho, Cakeni, Bhabha

*OoBhulangwe

*OoBhose

*OoNzolo

*OoNcayi

*OoNtondo

*AmaKhombayo

*OoMkhondweni

*AmaVumbe

*AmaKhebesi, Nomdayi

*AmaMvala,

*AmaDabisa

*OoS’ximba baka Sixolithi

Nezinye. AmaQwathi angakwazi ukungenana andiselane ukuba iziduko azifani. Umzekelo: UmQwathi uDikela angendela kumQwathi uSidindi. Njalo njalo.

Ezona nkosi zamaQwathi zaziwayo ngu Stokwe ka-Ndlela owayesilwa nabelungu,

UDalasile kaFubu, noFubu ubuqu (owalwa waze wabulala uRharhabe nonyana wakhe uMlawu ngo 1782 bekhusela ikomkhulu iNgcobo.

Unkosi Fubu nonyana wakhe uDalasile baphinda banqanda amanzi engena endlini bezokuvingcelwa ngumkhosi ka Madzikane inkosi yamaBhaca ngo1824. MaBhaca lawo ayebaleka umkhosi ka Tshaka la Senzangakhona ka Zulu.

Baphinda bohlula baze babulala unkosi Matiwane wamaNgwane ayebaleka imfecane eleqwa ngu Tshaka ngo 1828. AmaNgwane ade abaleka ayokufika kwilizwe ekuthiwa yi Tanzania namhlanje. Lawo athi asala ngemva aatshatyalaliswa aphela tu nguTshaka ka Senzangakhona ka Zulu nomkhosi wakhe.

Kwiminyaka yoo 1860 amaQwathi nama Mpondomise aadibanisa umkhosi eseka ukuhlasela abelungu. Hlaselo olo alwahamba ngohlelo ngenxa yemipu yabelungu. Kodwa kwafumaneka umfundisi womlungu ofani ingu Hope we mission ekufutshane wabulawa. Abelungu bafunga besithi bazakwenza umzekelo ngokubulala wonke umntu ongumQwathi noliMpondomise. Baza phantsi ko General Elliott (okuthiywe ngaye la dolophana i Elliott) babula phantse batshabalalisa wonke amaMpondomise. Kodwa zona iinkosi zawo amaMpondomise zaatshatyalaliswa zaphela apho. Kungoku nje amaMpondomise akana zinkosi. Ahamba ezoyamanisa neenkosi zezinye izizwe.

AmaQwathi axhathisa wona, kodwa nzima. Isizwe sathi saa sileqwa ngemipu ka General Elliott nomkhosi wakhe. Amanye amaQwathi abaleka ayonxusa kumaTlokwa (isiduko sabeSuthu) kwindawo eyi Tlokweng (Mount Fletcher). Kuqikelelwa ke ukuba laaphuma apho igama elithi Dikela. Ngoba ngokwemveli lelesiSuthu. Lithetha ukuthi “Tshona”.

Amanye anyuka aya emsini kuTshaka, owayeguba kwasizwe sifuna ukuziphatha, azibiza ukuba angoo Ndlela (ngenkosi uNdlela). Avuma ukuba angamaZulu phantsi ko Tshaka.

AmaQwathi sisizwe esincinci kodwa esingazange sohlulwa kude kubelapha phantsi kwenkosi uZwelakhe.

    comments user
    Nompumelelo

    Ndicela caciselwa ngamanzolo okanye ndithuthelwe …Enkosi

      comments user
      Mtshotana Zukisani

      Amanzolo ngo nzila ka ndzothwane
      Sithike

      Umqwathi umnzolo unzila ka ndzothwane iinkonjan’ezimnyama ezidada emafini zicande iziziba zibuye nodaka ukhasa ukhasela ngase mntwini umadli nkowane ngenkani angayihlanzi ungamniki noba seyifuna u’Nomatyala uma’Lawana into zika’Mnyamana into zika’Mtshutshumbe….etc
      Ndiphel’apho nam

    comments user
    Moeketsi Ngcuka Sani

    Ndingathanda ukwazi iziduko zaMadikela,Noni,Ntswaybani

comments user
Sizane Tonga

I want to know more about the Tonga surname i would appreciate it if you get back to me,thanks.

    comments user
    David Senzo

    Enlighten me about senzo surname

comments user
iliwa

cela ucacisele ngomnobo ka Ntswabane, uba uzala bani ozala bani

comments user
Mandla Mankantshu

Xa uzithuthu ke uthini kuba zininzi iziduko zesiQwathi. ?

    comments user
    Ntombifuthi Ncambaca

    Molweni mna bendicela ukucsciselwa ngo Dumba uba ithini mvelaphi yakhe okanye uDumba uzalwa ngubani

      comments user
      S. Ntibane

      UNobangula yintombi Ezalwa kwindlu- yamaqhwathi, Unobangula ke Uzala U Dumba No Bhose,

        comments user
        Mandla Mankantshu

        Ndizibiza zonke iziduko zama Qwathi. Ndithi..ndingu mQwathi uDikela…uDumba kaNobangula. Kodwa kuyafuneka kuyo yonke lonto ndiyifakile indawo ethetha ngowam umnombo…ethi Mandla kaMankantshu …kaMoyikweni…kaMnxu…utata katata katata….ukhokho wam

      comments user
      Masi

      uDumba uzalwa nguNobangula oyintombi eyodwa phakathi koDikela, Sidindi, Mntshaba, Bhulangwe, Ntondo. Kuthe ekukhuleni kwakhe uDumba wenza inyala ngokumithisa udade wabo……ndingakubhalela ibende imbali qha ixesha andinalo

comments user
Ntombifuthi Ncambaca

Ngubani udumba ingubani uNobangula

comments user
vuyolwethu mose

Ndingu vuyo Mose
Ndicelwa ukucaciselwa ngoMqwati Oontondo

comments user
Mtshotana Zukisani

Amanzolo ngo nzila ka ndzothwane
Sithike

Umqwathi umnzolo unzila ka ndzothwane iinkonjan’ezimnyama ezidada emafini zicande iziziba zibuye nodaka ukhasa ukhasela ngase mntwini umadli nkowane ngenkani angayihlanzi ungamniki noba seyifuna u’Nomatyala uma’Lawana into zika’Mnyamana into zika’Mtshutshumbe….etc
Ndiphel’apho nam

comments user
Masi

Amaqwathi akazange abaleke Engcobo koko anda adlulela ezintabeni eCala , Ladyfrere, Takastaad, ect.

comments user
Nonkululeko Mogotsi

I need to know the Tantsi clan names

Leave a Reply to MasiCancel reply